Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 79:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho,Ziyenzé inqambi itempile yakho engcwele;Ziyenzé yayimiwewe iYerusalem.

2. Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle,Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe.

3. Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem;Akwabakho mngcwabi.

4. Sènziwe ingcikivo kubamelwane bethu,Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo.

5. Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile?Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?

6. Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingàkwaziyo,Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho.

7. Ngokuba zimdlile uYakobi,Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.

8. Musa ukubukhumbula kúthi ubugwenxa bamanyange ethu,Mayingxame isikhawulele imfesane yakho:Ngokuba siswele kakhulu.

9. Síncede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho,Usihlangúle, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 79