Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:54-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

54. Wabazìsa emdeni wakhe ongcwele,Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.

55. Wagxotha iintlanga ebusweni babo,Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo;Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.

56. Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni,Àbazigcina izingqiniso zakhe,

57. Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.

58. Bamqumbisa ngezingánga zabo,Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.

59. Weva uThixo, waphuphuma umsindo,Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;

60. Wawulahla umnquba waseShilo,Intente abeyimise esintwini;

61. Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe,Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.

62. Wabanikela abantu bakhe kwikrele,Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.

63. Amadodana abo adliwa ngumlilo,Iintombi zabo azagcotyelwa.

64. Ababingeleli babo bawa likrele,Abahlolokazi babo àbalila.

65. Yaza yavuka njengobelele iNkosi,Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.

66. Yababetha ngasemva ababandezeli bayo,Yabenza ingcikivo engunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78