Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:48-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo,Nemihlambi yabo ngemibane.

49. Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe,Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo,Ibutho lezithunywa zobubi.

50. Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe,Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo,Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.

51. Wababulala bonke abamazibulo eYiputa,Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.

52. Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu,Wabaqhuba njengomhlambi entlango;

53. Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi;Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle

54. Wabazìsa emdeni wakhe ongcwele,Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.

55. Wagxotha iintlanga ebusweni babo,Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo;Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.

56. Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni,Àbazigcina izingqiniso zakhe,

57. Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.

58. Bamqumbisa ngezingánga zabo,Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.

59. Weva uThixo, waphuphuma umsindo,Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;

60. Wawulahla umnquba waseShilo,Intente abeyimise esintwini;

61. Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe,Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.

62. Wabanikela abantu bakhe kwikrele,Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.

63. Amadodana abo adliwa ngumlilo,Iintombi zabo azagcotyelwa.

64. Ababingeleli babo bawa likrele,Abahlolokazi babo àbalila.

65. Yaza yavuka njengobelele iNkosi,Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.

66. Yababetha ngasemva ababandezeli bayo,Yabenza ingcikivo engunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78