Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:39-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Wakhumbula ukuba bayinyama,Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.

40. Kukangaphi bemphikisa entlango,Bemenza buhlungu enkangala!

41. Babuya bamlinga uThixo,Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.

42. Àbasikhumbula isandla sakhe,Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;

43. Áwamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa,Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.

44. Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi,Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.

45. Wathumela kubo iingcongconi, zabadla;Namasele, abatshabalalisa.

46. Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo,Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.

47. Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo,Nemithombe yabo ngomkhenkce.

48. Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo,Nemihlambi yabo ngemibane.

49. Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe,Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo,Ibutho lezithunywa zobubi.

50. Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe,Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo,Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.

51. Wababulala bonke abamazibulo eYiputa,Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78