Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni,Wahlisa amanzi njengemilambo.

17. Baqokela noko ukona kuye,Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.

18. Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo,Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.

19. Bathetha ngoThixo, bathi,Únako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?

20. Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi,Yakhukula nemilanjana;Wóba nako na nokubanika ukutya,Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?

21. Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe,Watsha umlilo kwaYakobi,Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;

22. Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.

23. Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;

24. Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.

25. Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.

26. Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;

27. Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;

28. Yawa phakathi kweminquba yabo,Ngeenxa zonke emakhayeni abo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78