Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 76:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waziwa kwaYuda uThixo,Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.

2. Umnquba wakhe waba seSalem,Nekhaya lakhe eZiyon.

3. Wayaphula apho imibane yesaphetha,Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)

4. Ùkhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.

5. Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane,Balala umlala kanye,Akazifumana izandla zawo onke amakroti.

6. Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi,Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.

7. Unguwena wena woyikekayo;Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?

8. Emazulwini usivakalisile isigwebo;Loyika ihlabathi, lazola,

9. Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe,Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)

10. Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe;Ùya kuwabhinqa amasalela obushushu.

11. Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu;Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.

12. Úya kunqumla ukufutha kweengànga,Uyoyikeka kookumkani behlabathi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 76