Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 75:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;

5. Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu,Ningathethi ngokusa, nolùle intamo.

6. Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga,Nasentlango yeentaba.

7. Hayi, nguThixo ogwebayo;Úyamthoba lo, amphakamise lowa.

8. Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova,Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo.Úthulula kuyo; ewe, iintlenga zayoZiya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.

9. Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade,Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;

10. Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa,Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 75