Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 74:9-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Imiqondiso yethu asiyiboni,Akusekho mprofeti;Kúthi akukho waziyo ukuba koda kuse phi na kunjalo.

10. Kunini na, Thixo, umbandezeli engcikiva?Utshaba luhleli luligiba igama lakho?

11. Usifinyezeleni na isandla sakho, nesokunene sakho?Sírhole esifubeni sakho, ulugqibe.

12. Ke uThixo nguKumkani wam kwakumandulo,Ulosebenza usindiso phakathi kwehlabathi lonke.

13. Nguwe owahlula ulwandle ngamandla akho,Owaphula iintloko zeengwenya emanzini.

14. Nguwe owaxhaxha iintloko zeleviyatan,*Wazinika zakukudla kubantu, kubemi bomqwebedu.

15. Nguwe owagqobhoza yayimithombo, yayimilanjana;Nguwe owomisa imilambo engomiyo.

16. Yeyakho imini, bobakho nobusuku;Nguwe owalungisa ukukhanya nelanga.

17. Nguwe owamisa yonke imida yehlabathi;Ihlobo, nobusika, nguwe owazibumbayo ezo zinto.

18. Khumbula oku; utshaba lungcikiva uYehova,Abantu abanobudenge baligibile igama lakho.

19. Musa ukuwunikela erhamncweni umphefumlo wehobe lakho;Ungahlali uwulibele umhlambi wakho oziintsizana.

20. Bheka emnqophisweni,Ngokuba iindawo ezimnyama zelizwe zizele zizindlu zogonyamelo.

21. Makangabuyi otyumkileyo ehlazisiwe;Makalidumise igama lakho olusizana nolihlwempu.

22. Khawusuk' ume, Thixo, ubambane nababambene nawe;Khumbula ukukungcikiva kwesidenge yonke imini.

23. Musa ukulilibala izwi lababandezeli bakho,Ukungxola kwabasukela phezulu kuwe, okuhlala kunyuka.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 74