1. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli,Kwabantliziyo zinyulu.
2. Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam;Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;
3. Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo,Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.
4. Ngokuba àbanazintlungu ekufeni kwabo;Baphilile, batyebile umzimba wabo;
5. Ebubini babantu àbakho bona;Àbakhathazwa njengabanye abantu.
6. Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi;Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7. Amehlo abo avelile kukutyeba;Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8. Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi;Bathetha iindumbisa zamazwi.
9. Bawubeka ezulwini umlomo wabo,Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.
10. Ngako oko abantu babo babuyela apha;Bafinca amanzi amaninzi.
11. Bathi, Únokuthini na ukwazi uThixo?Kukho ukwazi na kOsenyangweni?