Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 69:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Mabangadani ngam abakuthembayo, Nkosi yam, Yehova wemikhosi;Mabangangcikivwa ngam abakufunayo, Thixo kaSirayeli.

7. Ngokuba ndithwele ingcikivo ngenxa yakho;Ihlazo libugqubuthele ubuso bam;

8. Ndingowasemzini kubazalwana bam;Ndingowolunye uhlanga kubantwana bakama:

9. Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho:Iingcikivo zabakungcikivayo ziwé phezu kwam.

10. Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla;Oko kwaba yingcikivo kum.

11. Oko kwaba yingcikivo kum.Iingubo zam zaba zezirhwexayo,Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.

12. Bathetha ngam abahleli esangweni;Ndiyingoma yamanxila.

13. Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo:Thixo, ngobuninzi benceba yakho,Ndíphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.

14. Ndílangule eludakeni, ndingatshoni;Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.

15. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi;Ingandiginyi inzulu;Iqula malingandivingceli ngomlomo walo

16. Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho,Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 69