Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 68:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa,Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo;Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.

7. Thixo, ekuphumeni kwakho úphambi kwabantu bakho,Ekunyatheleni kwakho enkangala, (Phakamisani.)

8. Lanyikima ihlabathi,Lavuza izulu ebusweni bukaThixo,ISinayi leya ebusweni bukaThixo, uThixo kaSirayeli.

9. Walitshiza ngemvula eninzi yesisa sakho, Thixo, ilifa lakho;Lakùbharha, walizimasa wena.

10. Wahlala khona umhlambi wakho,Wamlungisela olusizana ngokulunga kwakho, Thixo.

11. INkosi iya kukhupha izwi elinamandla,Ube mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo.

12. Ookumkani bemikhosi baya kusaba besabile;Intokazi esele ekhaya iya kuwaba amaxhoba.

13. Nakulala phantsi phakathi kweentlanti,Noxelisa amaphiko evukuthu alekwe ngesilivere,Neentsiba zalo ezalekwe ngegolide ebengezelayo.

14. Ekubadubadubeni kukaSomandla ookumkani kulo,Koba mhlophe ngowekhephu eTsalimon.

15. Yintaba kaThixo intaba yaseBhashan,Yintaba encopho zininzi intaba yaseBhashan.

16. Niyigxeleshelani na, zintaba zincopho zininzi,Intaba ayinqweneleyo uThixo ukuba ahlale kuyo?Ewe, uYehova uya kuhlala kuyo ngonaphakade.

17. Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka;INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 68