Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 68:17-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka;INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

18. Ùnyuké waya phezulu, ùthimbe abathinjwa,Ùthabathe izipho phakathi kwabantu,Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.

19. Mayibongwe iNkosi;Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla;NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.)

20. Yena uThixo kuthi nguThixo wosindiso,Kokuka Yehova, iNkosi yethu, ukukhupha ekufeni.

21. Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe, Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.

22. Yathi iNkosi, Ndiya kuzibuyisa eBhashan,Ndiya kuzibuyisa iintshaba zakho ezinzulwini zolwandle;

23. Ukuze uziphaluse, unyawo lwakho lusegazini,Nolwimi lwezinja zakho lube nesabelo salo ezintshabeni.

24. Bakúbona ukunyathela kwakho, Thixo,Ukunyathela koThixo wam, koKumkani wam, esebungcweleni.

25. Phambili ziimvumi, ngasemva ngababethi bohadi,Emacaleni ziintombi ezibetha iingqongqo.

26. Emabandleni bongani uThixo,INkosi, nina basemthonjeni wakwaSirayeli.

27. Balapho ooBhenjamin, inci yabo, umphathi wabo,Abathetheli bakwaYuda, ihlokondiba labo;Abathetheli bakwaZebhulon, abathetheli bakwaNafetali.

28. UThixo wakho wakuwisela umthetho wokuba uqine;Kuqinise, Thixo, oko usenzeleyo.

29. Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem,Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.

30. Khalimela amarhamncwa asengcongolweni,Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe,Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere.Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.

31. Kovela amanono eYiputa;UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.

32. Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo,Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)

33. Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo;Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.

34. Mnikeni amandla uThixo;Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe;Asesibhakabhakeni amandla akhe.

35. UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho.UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu.Makabongwe uThixo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 68