Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 62:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam,Ngokuba livela kuye ithemba lam.

6. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam,Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.

7. KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam;Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.

8. Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu;Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)

9. Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda;Esikalini* bangenyuka,Bangumphunga bephelele.

10. Musani ukukholosa ngokudla abantu,Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo.Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.

11. Uthethé nto-nye uThixo,Ezi zinto zimbini ndizivile:Ukuba amandla ngakaThixo,

12. Nenceba yeyakho, Nkosi yam;Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 62