Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 6:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, musa ukundohlwaya únomsindo,Ungandithethisi únobushushu.

2. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile;Ndíphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.

3. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;Ke wena, Yehova, koda kube nini na?

4. Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;Ndísindise ngenxa yenceba yakho.

5. Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?

6. Ndidiniwe kukugcuma kwam;Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.

7. Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.

8. Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga;Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.

9. Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam;UYehova umthandazo wam uyawamkela.

10. Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam;Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 6