Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 59:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;Ngamakrele emlonyeni wabo;Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8. Wena, Yehova, uyabahleka,Ùyazigculela zonke iintlanga.

9. Mandla am, ndiya kulindela kuwe;Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10. UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe;UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11. Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu;Babhadulise ngamandla akho, ubawise,Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12. Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo;Mababanjiswe likratshi labo,Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13. Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

15. Bona babhadulela ukudla;Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 59