5. Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli,Phapha, uzivelele zonke iintlanga;Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengábagqithi. (Phakamisani.)
6. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.
7. Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;Ngamakrele emlonyeni wabo;Ngokuba bathi, Kuva bani na?
8. Wena, Yehova, uyabahleka,Ùyazigculela zonke iintlanga.
9. Mandla am, ndiya kulindela kuwe;Ngokuba uThixo uyingxonde yam.
10. UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe;UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.