Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 59:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba nâbo bewulalela umphefumlo wam;Baqukana ngam ábanamandla,Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4. Ndingenabugwenxa nje, bagidimé baxhoba.Vuka, undikhawulele, ubone.

5. Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli,Phapha, uzivelele zonke iintlanga;Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengábagqithi. (Phakamisani.)

6. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

7. Nâbo belephuza amagwebu ngomlomo;Ngamakrele emlonyeni wabo;Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8. Wena, Yehova, uyabahleka,Ùyazigculela zonke iintlanga.

9. Mandla am, ndiya kulindela kuwe;Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10. UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe;UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11. Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu;Babhadulise ngamandla akho, ubawise,Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12. Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo;Mababanjiswe likratshi labo,Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13. Bágqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho;Baqónde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi,Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14. Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja,Bawuhamba-hambe umzi.

15. Bona babhadulela ukudla;Ukuba bathe àbahlutha, balala apho.

16. Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho,Kuba ubuyingxonde kum,Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17. Mandla am, ndiya kukubethela uhadi;Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 59