Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 58:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo?Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?

2. Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha;Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.

3. Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.

4. Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;

5. Ukuze lingaliva izwi labanyangi,Lababopha ngomabophe, beziingcibi.

6. Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo;Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.

7. Mabaphalale njengamanzi equkuqela;Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.

8. Mababe njengenkumba ehamba inyibilika,Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.

9. Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu,Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, úyayiqweqwedisa.

10. Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo;Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,

11. Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo;Inene, úkho uThixo ogwebayo ehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 58