Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 57:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;Ndiya kulala phantsi nabafutha umlilo,Oonyana babantu abamazinyo aziintshuntshe neentolo,Ulwimi lwabo lulikrele elibukhali.

5. Ziphakamisele ngaphezu kwamazulu, Thixo,Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.

6. Isibatha basilungisele iinyawo zam;Bawugobile umphefumlo wam;Bándimbela isihogo,Beyela kuso ngokwabo. (Phakamisani.)

7. Izimasekile intliziyo yam, Thixo, izimasekile intliziyo yam;Ndiya kuvuma, ndiya kubetha uhadi.

8. Vuka, luzuko lwam! Vukani, mrhubhe nohadi!Ndiya kusiphangela isifingo.

9. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam;Ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe.

10. Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho;Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.

11. Ziphakamisele ngaphezu kwezulu, Thixo,Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 57