8. Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;Àzisencwadini yakho na?
9. Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
10. Ndilidumisa ngoThixo ilizwi,Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
11. Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki;Únokundenza ntoni na umntu?
12. Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho;Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
13. Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam,Iinyawo zam ekukhubekeni,Ukuba ndihambe phambi koThixoEkukhanyeni kobomi.