Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 56:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Abandilalelayo bandizonda yonke imini,Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.

3. Mhlana ndinxunguphalayo mna,Ndokoholosa ngawe.

4. Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe,Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki;Inokundenza ntoni na inyama?

5. Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am;Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.

6. Baqukene, babonisele,Bona bagcine izithende zam,Ngokokuba belinde umphefumlo wam.

7. Bengamatshinga nje, bosinda na?Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.

8. Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;Àzisencwadini yakho na?

9. Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.

10. Ndilidumisa ngoThixo ilizwi,Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.

11. Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki;Únokundenza ntoni na umntu?

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 56