Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 50:7-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yivani, bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;NdinguThixo, uThixo wakho.

8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.

9. Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.

10. Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi,Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.

11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.

12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.

13. Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?

14. Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;

15. Ubìze mna ngemini yembandezelo,Ndikuhlangule, undizukise.

16. Ke kongendawo uthi uThixo,Ùseké phi na wena ukuxela ummiselo wam,Uwuphàthe ngomlomo wakho umnqophiso wam,

17. Úyithiyile nje intethiso wena,Uwaphosé nje amazwi am emva kwakho?

18. Xa ubona isela, ukholana nalo,Wabelane nabakrexezi.

19. Umlomo wakho ùwuyekela ebubini;Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;

20. Ùthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho,Uhlaze umntwana kanyoko.

21. Ùzenzile ezo nto, ndathi tu,Waba ndinjengawe.Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.

22. Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo,Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.

23. Obingelela umbulelo uyandizukisa,Alungise indlela,Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 50