Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yivani oku, nina nonke zizwe;Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,

2. Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda,Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.

3. Umlomo wam uza kuthetha ubulumko;Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.

4. Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam,Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.

5. Ndoyikelani na emihleni yobubi,Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?

6. Abo bakholose ngemfuyo yabo,Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.

7. Akukho bani unokukhulula umzalwana;Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye

8. (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,Masincanywe ngonaphakade),

9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49