Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yivani oku, nina nonke zizwe;Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,

2. Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda,Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.

3. Umlomo wam uza kuthetha ubulumko;Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.

4. Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam,Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49