Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 48:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kuneneEmzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2. Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehlabathi lonkeIntaba yaseZiyon, intlomo yasentla,Umzi woKumkani omkhulu.

3. UThixo, ezingxandeni zawo ezinde,Wazélwa ukuba yingxonde.

4. Kuba nâbo ookumkani babenqophisene,Bawela beza kunye;

5. Bakuthi ukubona, àbakhuluma;Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;

6. Babanjwa khona kukuthuthumela,Kukuzibhijabhija njengozalayo.

7. Ngomoya wasempumalangaÙyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.

8. Njengoko sikuvileyo, siboné kunjaloEmzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu:UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)

9. Sayikhumbula, Thixo, inceba yakhoPhakathi kwetempile yakho.

10. Njengoko linjalo igama lakho, Thixo,Lunjalo udumiso lwakho,Kwesa eziphelweni zehlabathi;Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.

11. Mayivuye intaba yaseZiyon,Agcobe amagxamesi akwaYuda,Ngenxa yezigwebo zakho.

12. Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze;Zibaleni iinqaba zayo ezinde.

13. Gqalani ungqameko lomsele wayo;Candani ezingxandeni zayo ezinde;Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,

14. Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade,Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 48