Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 47:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nonke zizwe, bethani izandla,Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.

2. Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka;Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.

3. Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe,Izizwe phantsi kweenyawo zethu.

4. Usinyulela ilifa lethu,Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)

5. UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.

6. Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni,Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!

7. Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo;Mbetheleni ngeyokuqiqa.

8. UThixo nguKumkani weentlanga;UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.

9. Amanene ezizwe ahlanganisene,Abantu boThixo ka-Abraham;Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo;Unyusiwe kakhulu yena.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 47