Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 41:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe;Ùya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe.

4. Ndithi mna, Yehova, tarhu;Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.

5. Iintshaba zam zithetha kakubi ngam;Zithi, Úya kufa nini na, lidake igama lakhe?

6. Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo;Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga;Uphuma phandle, abuthethe.

7. Basebezelana ngam bonke abandithiyayo;Bacinga ububi ngam.

8. Bathi, Unanyekwe bubutshijolo,Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke.

9. Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo,Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo.

10. Wena Yehova, ndíbabale, undiphakamise,Ndibabuyekeze.

11. Ndazi ngale nto, ukuba ùndinonelele,Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam.

12. Mna ekugqibeleleni kwam ùyandixhasa,Ùndimisa phambi kwakho ngonaphakade.

13. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 41