Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 40:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile;Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.

9. Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu;Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam;Yehova, wena uyazi.

10. Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam;Ndákukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho;Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.

11. Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum;Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.

12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.

13. Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!

14. Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.

15. Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo laboAbathi kum, Tshotsho! Tshotsho!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 40