1. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam,Ndingoni ngolwimi lwam;Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam,Xa ongendawo asephambi kwam.
2. Ndaba sisidenge, ndathozama,Ndazisulungisa nakokulungileyo;Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.
3. Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam,Ekucamangeni kwam wavutha umlilo.Ndathetha ke ngolwimi lwam,
4. Ndathi, Ndázise, Yehova, isiphelo sam,Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo;Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.