Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa;Ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.

10. Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo;Ùthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.

11. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe,Baziyolise ngobuninzi boxolo.

12. Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,Ulitshixizela amazinyo akhe.

13. INkosi iyamhleka,Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.

14. Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,Ukuba bawise usizana nehlwempu,Basike abandlela zithe tye.

15. Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,Zaphuke izaphetha zabo.

16. Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:

17. Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37