Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:6-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Abuvelise njengokukhanya ubulungisa bakho,Nebango lakho njengemini enkulu.

7. Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye;Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe,Ngomntu ofeza amayelenqe.

8. Lahla umsindo, ushiye ubushushu;Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.

9. Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa;Ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.

10. Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo;Ùthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.

11. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe,Baziyolise ngobuninzi boxolo.

12. Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,Ulitshixizela amazinyo akhe.

13. INkosi iyamhleka,Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.

14. Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,Ukuba bawise usizana nehlwempu,Basike abandlela zithe tye.

15. Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,Zaphuke izaphetha zabo.

16. Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:

17. Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.

18. NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.

19. Àbayi kudana ngexesha lobubi;Baya kuhlutha ngeemini zendlala:

20. Ngokuba abangendawo bayatshabalala;Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo;Ziya kuphela njengomsi, ziphele.

21. Úyaboleka ongendawo, angabuyisi;Ke lona ilungisa liyababala, liphe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37