Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 35:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wógcoba ke umphefumlo wam kuYehova,Ube nemihlali ngosindiso lwakhe.

10. Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe,Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo,Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?

11. Kusuke kwema amangqina angenakulungisa,Andibuza into endingayaziyo.

12. Bandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo;Uxhwalekile umphefumlo wam.

13. Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo;Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla;Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam.

14. Ndaziphatha njengokungathi únguwethu, njengokungathi úngumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam;Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.

15. Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana,Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo,Bandihlalela ngentlamba, àbayeka.

16. Ngokweentshembenxa ezizihiba ngenxa yesonka,Banditshixizela amazinyo.

17. Nkosi, kunini na ubonela?Buyisa umphefumlo wam kwiintshabalaliso zabo,Okuphela kwawo ezingonyameni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 35