Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 35:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Qubula ikhaka nengweletshetshe,Usuk' ume undincede.

3. Rhola umkhonto, uvingce indlela yabandisukelayo;Yithi kumphefumlo wam, Ndilusindiso lwakho.

4. Mabadane, bahlazeke, abazungula umphefumlo wam;Mababuye umva babe neentloni abacinga ububi ngam.

5. Mababe njengomququ phambi komoya,Sibatyhale isithunywa sikaYehova, bawe.

6. Indlela yabo mayibe mnyama, ibe buthelezi,Sibasùkele isithunywa sikaYehova.

7. Ngokuba basigqumele mna isibatha sabo ngelizé;Bawumbela isihogo umphefumlo wam ngelizé.

8. Mayimfikele intshabalalo engazi;Sibambise yena isibatha sakhe awasigqumayo,Eyele kuso ngesithonga.

9. Wógcoba ke umphefumlo wam kuYehova,Ube nemihlali ngosindiso lwakhe.

10. Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe,Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo,Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?

11. Kusuke kwema amangqina angenakulungisa,Andibuza into endingayaziyo.

12. Bandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo;Uxhwalekile umphefumlo wam.

13. Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo;Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla;Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam.

14. Ndaziphatha njengokungathi únguwethu, njengokungathi úngumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam;Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.

15. Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana,Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo,Bandihlalela ngentlamba, àbayeka.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 35