Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 35:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ndaziphatha njengokungathi únguwethu, njengokungathi úngumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam;Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.

15. Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana,Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo,Bandihlalela ngentlamba, àbayeka.

16. Ngokweentshembenxa ezizihiba ngenxa yesonka,Banditshixizela amazinyo.

17. Nkosi, kunini na ubonela?Buyisa umphefumlo wam kwiintshabalaliso zabo,Okuphela kwawo ezingonyameni.

18. Ndiya kubulela kuwe ebandleni elikhulu,Ebantwini abaninzi ndiya kukudumisa.

19. Mazingandivuyeleli iintshaba zam ngobuxoki,Bangatyandelani ngoshiyi abandithiyayo ngelizé:

20. Ngokuba àbathethi luxolo;Bacinga amazwi enkohliso ngabanyhamnyhekileyo belizwe.

21. Bayandisinekela,Bathi, Tshotsho! Tshotsho! Abonile amehlo ethu.

22. Ùbonile, Yehova; musa ukuba sisithulu;Nkosi, musa ukuba kude kum.

23. Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam,Thixo wam, Nkosi yam, ngenxa yento esibambene ngayo.

24. Líthethe ityala lam ngokobulungisa bakho,Yehova Thixo wam;Mabangandivuyeleli;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 35