Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 34:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Suka ebubini, wenze okulungileyo;Funa uxolo, uluphuthume.

15. Amehlo kaYehova akumalungisa,Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.

16. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi,Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.

17. Akhala, weva uYehova;Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.

18. Ùsondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo,Àbasindise abamoya utyumkileyo.

19. Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa,Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.

20. Ùyawagcina onke amathambo alo,Akwaphuki nalinye kuwo.

21. Ububi buyambulala ongendawo;Abathiyi belungisa bayalithwala ityala.

22. UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe,Bangàthwali tyala bonke abazimela ngaye.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 34