Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 33:7-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ulobutha njengemfumba amanzi olwandle,Ulobeka koovimba amanzi enzonzobila.

8. Malimoyike uYehova lonke ihlabathi,Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;

9. Ngokuba wathetha, kwabakho;Wawisa umthetho yena, kwema.

10. UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;Uzaléle iingcinga zezizwe.

11. Icebo likaYehova limi ngonaphakade,Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.

12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.

13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;

14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:

15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.

16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.

17. Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.

18. Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,Abalindéle inceba yakhe,

19. Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,Abagcine ngexesha lendlala.

20. Umphefumlo wethu ulindele kuYehova;Nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.

21. Ngokuba iya kuvuya ngaye intliziyo yethu,Sikholosile nje ngegama lakhe elingcwele.

22. Inceba yakho mayibe phezu kwethu, Yehova,Njengoko sikulindeleyo kuwe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 33