Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 33:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba lithe tye ilizwi likaYehova,Konke akwenzayo kuthembekile.

5. Ngumthandi wobulungisa nokusesikweni,Lizele ihlabathi yinceba kaYehova.

6. Lênzeka ngelizwi likaYehova izulu,Umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.

7. Ulobutha njengemfumba amanzi olwandle,Ulobeka koovimba amanzi enzonzobila.

8. Malimoyike uYehova lonke ihlabathi,Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;

9. Ngokuba wathetha, kwabakho;Wawisa umthetho yena, kwema.

10. UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;Uzaléle iingcinga zezizwe.

11. Icebo likaYehova limi ngonaphakade,Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.

12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.

13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;

14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:

15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 33