Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 32:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!

2. Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa,Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!

3. Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo amNgokubhonga kwam imihla yonke.

4. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho,Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)

5. Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)

6. Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana;Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninziAkayi kufika kubo.

7. Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)

8. Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.

9. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 32