Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 31:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile;Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;

10. Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.

11. Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo,Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo;Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.

12. Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo;Ndinjengesitya esiza kulahlwa.

13. Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi,Ukunxunguphala ngeenxa zonke.Ekugquguleni kwabo ngam,Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.

14. Ke mna ndikholosé ngawe, Yehova; Ndithi, ÙnguThixo wam wena.

15. Asesandleni sakho amaxesha am;Ndíhlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.

16. Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho;Ndísindise ngenceba yakho.

17. Yehova, andiyi kudana, ngokuba ndinqula wena;Makudane abangendawo, bathi cwaka kwelabafileyo.

18. Mawubotshwe umlomo wobuxoki,Othetha ngelungisa ngokusa,Únekratshi, údela.

19. Hayi, ubukhulu bokulunga kwakho, obuqwebele abakoyikayo,Obenzela abazimela ngawe, ebusweni boonyana babantu!

20. Ubasithelisa esitheni lobuso bakho kumayelenqe abantu;Ùyabagusha emnqubeni ekubambaneni kweelwimi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 31