Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 25:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Úyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe,Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.

10. Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso,Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.

11. Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam,Ngokuba bukhulu bona.

12. Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?Wómyalela indlela aya kuyinyula.

13. Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.

14. Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;Ubazísa umnqophiso wakhe.

15. Amehlo am ahlala emi kuYehova,Ngokuba nguye ozirholayo eluthánjeni iinyawo zam.

16. Ndíbheke, undibabale,Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.

17. Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe;Ndíkhuphe ekucuthekeni kwam.

18. Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam,Uxolele zonke izono zam.

19. Zikhangele iintshaba zam, ngokuba zininzi;Zindithiye ngentiyo egonyamelayo.

20. Wugcine umphefumlo wam, undihlangule;Mandingadani, ngokuba ndizímela ngawe.

21. Ukugqibelela nokuthi tye makundilondoloze,Ngokuba ndithembele kuwe.

22. Khulula uSirayeli, Thixo,Ezimbandezelweni zakhe zonke.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 25