Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 25:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Úlungile, uthe tye uYehova;Ngenxa yoko úyabayalela indlela aboni.

9. Úyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe,Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.

10. Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso,Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.

11. Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam,Ngokuba bukhulu bona.

12. Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?Wómyalela indlela aya kuyinyula.

13. Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.

14. Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;Ubazísa umnqophiso wakhe.

15. Amehlo am ahlala emi kuYehova,Ngokuba nguye ozirholayo eluthánjeni iinyawo zam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 25