Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 24:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Úya kwamkela intsikelelo kuYehova,Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.

6. Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo,Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)

7. Phakamisani iintloko zenu, masango;Niziphakamise, minyango yaphakade,Angene uKumkani wozuko.

8. Ngubani na ke lo Kumkani wozuko?NguYehova onamandla, oligorha;NguYehova, igorha emfazweni.

9. Phakamisani iintloko zenu, masango,Niziphakamise, minyango yaphakade,Angene lo Kumkani wozuko.

10. Ngubani na ke yena uKumkani wozuko?NguYehova wemikhosi,Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 24