Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 21:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade.

5. Lukhulu uzuko lwakhe ngosindiso lwakho;Ùbeka phezu kwakhe indili nobungangamela.

6. Ngokuba umenze waba yintsikelelo ngonaphakade,Ùmvuyisa ngovuyo ebusweni bakho.

7. Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova,Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa.

8. Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho,Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo.

9. Ùya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala.UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe,Nomlilo ubadle.

10. Ùya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni,Imbewu yabo koonyana babantu.

11. Ngokuba bakuthobela ububi,Bacinga iyelenqe; àbayi kufeza nto.

12. Ngokuba ùya kubenza bakunikele umhlana;Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 21