Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 21:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba umkhawulela ngeentsikelelo zokulungileyo,Umthwesa isithsaba segolide engcwengekileyo.

4. Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade.

5. Lukhulu uzuko lwakhe ngosindiso lwakho;Ùbeka phezu kwakhe indili nobungangamela.

6. Ngokuba umenze waba yintsikelelo ngonaphakade,Ùmvuyisa ngovuyo ebusweni bakho.

7. Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova,Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa.

8. Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho,Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo.

9. Ùya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala.UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe,Nomlilo ubadle.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 21