Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 148:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Haleluya!Dumisani uYehova emazulwini;Mdumiseni ezindaweni eziphezulu.

2. Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe;Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;

3. Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga;Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;

4. Mdumiseni, mazulu awo amazulu,Nani, manzi angaphezu kwezulu.

5. Mazilidumise ezo nto igama likaYehova;Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.

6. Wazimisa ngonaphakade kanaphakade,Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.

7. Dumisani uYehova ehlabathini,Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:

8. Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi;Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;

9. Nina zintaba, nani zinduli nonke,Nina mithi eneziqhamo, nani misedare* nonke;

10. Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke,Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;

11. Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke,Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;

12. Umlisela kwanomthinjana,Amadoda amakhulu kunye nabafana:

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 148