Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 145:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.

10. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,Bakubonge abákho benceba;

11. Uzuko lobukumkani bakho balutsho,Bathethe ngobugorha bakho.

12. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.

13. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke,Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.

14. UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo,Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.

15. Amehlo eento zonke akhangele kuwe,Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;

16. Ùyasivula isandla sakho,Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.

17. Úlilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke,Unenceba ngezenzo zakhe zonke.

18. Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo,Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.

19. Úyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo,Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.

20. UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo,Abatshabalàlise bonke abangendawo.

21. Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova,Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 145