Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 145:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani,Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.

2. Imihla yonke ndiya kukubonga,Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.

3. Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu;Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.

4. Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho,Kuxelwe ubugorha bakho.

5. Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho;Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.

6. Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo,Ndibalìse ngobukhulu bakho.

7. Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu,Bamemelele ngobulungisa bakho.

8. Únobabalo nemfesane uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9. Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 145