21. Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova,Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?
22. Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo,Kum mna baziintshaba.
23. Ndígocagoce, Thixo, uyàzi intliziyo yam;Ndícikide, uzàzi iingcinga-ngcinga zam;
24. Ubòne ukuba kukho ndlela yobubi na kum,Undikhaphele kwindlela engunaphakade.