Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 139:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.

14. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo;Zibalulekile izenzo zakho,Umphefumlo wam úyazi kakuhle.

15. Ayengàgushekile kuwe amathambo am,Mna ndenzelwáyo entsithelweni,Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.

16. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.

17. Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!

18. Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.

19. Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.

20. Abo bakukhankanyela amayelenqe,Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.

21. Andinakubathiya na abakuthiyayo, Yehova,Ndikruquke ngabasukela phezulu kuwe?

22. Ndibathiya ngentiyo ephelelisileyo,Kum mna baziintshaba.

23. Ndígocagoce, Thixo, uyàzi intliziyo yam;Ndícikide, uzàzi iingcinga-ngcinga zam;

24. Ubòne ukuba kukho ndlela yobubi na kum,Undikhaphele kwindlela engunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 139