Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 139:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, ùndigocagocile, wandazi.

2. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam;Uyaziqonda izicamango zam nakude.

3. Ukuhamba kwam nokulala kwam, ùyakwela;Uqhelene neendlela zam zonke.

4. Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwamOngalaziyo ke, Yehova, kanye.

5. Ngasemva nangaphambili undingqingile,Wasibeka phezu kwam isandla sakho.

6. Kubalulekile kum oko kwazi,Kuphezulu, kundinqabele.

7. Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho?Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?

8. Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ùlapho wena;Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.

9. Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo,Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 139